





B
 EKUKHO ingxushuagxushu ngaphandle kwenkundla ephakamileyo ePort Shepstone kutshanje apho bekukho inginginya yabantu abebenomsindo uninzi Iwabo kungamabhinqa, bezophulaphula isigwebo setyala lokudlwengula. Bebelifuna shushu igazi lomtyholwa, bekhwaza besithi: Mziseni apha sizohlwayele thina!
Bebefanele ukuba lugcwabevu ngumsindo. Bebelindele isigwebo selona tyala Iimanyumnyezi neliya lisanda eluntwini lwakowethu -UKUDLWENGULWA KWABANTWANA.
Ngaphakathi enkundleni uMfanuzile Shazi onama-26 eminyaka waseNqabeni kunxweme olusemazantsi aKwaZulu-Natal ubemi kwibhokisi yommangalelwa elindele ukuwiswa kwesigwebo yijaji engabonakalisi kuzisola ngesenzo sakhe.
lde yasiwisa ijaji isigwebo. lthe eli tyala limasikizi, lihambisa umzimba yaye libonisa ubugwala kuba uMfanuzile akamdlwengulanga kuphela nje ( umntwana, koko wambetha nokumbetha. Ubuso bomntwana wabushiya bubokoboko budumbile, iliso lasekhohlo livaleke mba. Emva koko ithe ijaji imgweba iminyaka eli-18 ethothoza kwezimnyama izisele.
Esi sihelegu simhlele lo rnntwana mhla unina wayemshiye egcinwe nguMaMiya Shazi. Mhla edlwengulwa umaMiya wayeye eKokstad, eshiya abantwana abathandathu abaneminyaka ephakathi kwe-4 neli15 kunye nomntwana owadlwengulwayo begcinwe ngunyana wakhe, uMfanuzile.
Wayemthembile unyana wakhe. Wayembona engumfana onenkathalo noza kubagcina kakuhle abantwana. Akazange ayicinge into yokuba unokwenza inyala elinjalo, ingakumbi kwimveku engenako nokuzikhusela oku.
Kodwa akuzange kubenjengokuba wayecinga. Wathi akuhamba unina, uMfanuzile wazama ukufumana ithuba lokuba abe yeclwa naloo mntwana. Abantwana abadala wabathuma ukuze afumane ithuba lokufeza iinjongo zakhe ezimbi. Wathi akungaphumeleli kwelo cebo, wayalela abanye abantwana ukuba bazise usana olo apho wayelele khona.
Waludlwengula, walwenzakalisa ngendlela ehambisa umzimba eyachazwa ngugqirha owamnyangayo njengeyona imbi kwawakha wazinyanga. Walaliswa iinyanga ezimbini esibhedlele umntwana. Waqala walaliswa eSt Andrew
	
	

Kwabantwana
	
Lixhomisa amehlo inani eliphezulu Iabantwana abadlwengulwayo nabasetyenziswa kakubi ngesondo Kutshanje kwinkundla ephakamileyo ePort Shepston kugwetywe indoda enama-26 eminyaka iminyaka eli-18 itsala entolongweni ngetyala Iokudlwengula imveku
	-	eneminyaka emibini!














Hospitai eHarding, kodwa kwacaca ukuba ayinanga St Andrews indlela onzakele ngayo, waza wathunyeiwa eKing Edward Hospital eThekwini.
Wathi xa ebuzwa uMfanuzile emva kokuba libhaqiwe inyala, wavuma ukuba umdlwengule umntwana kodwa wathi yimpazamo ayenziswe kukunxila ngoko ucela uxolo. Kodwa wayiphika yonke loo nto ngokuhamba kwexesha.
Ukucela uxolo kwakhe akumncedanga nganto umntwana. Sekugqithe phantse iminyaka emibini yehiayo le ntlekele, kodwa umntwana useneengxaki. Xa esiya ngasese ilindle aliphumi kwindawo elifanele liphume kuyo, kanti uyagcuma ngamazantsi esisu xa kubanda. Oko senzekayo esi sihelegu, unina kaMfanuzile akakazi ukuba unyana wakhe walenza njani isikizi elinjalo nokuthi wayelenziswa yintoni na. Andizange ndiyikholwe into eyenziwa ngunyana wam, kangangokuba nangoku andikayikholwa, utshilo xa ebethetha nentatheli yeBona. Eyona nto ibuhlungu kukuba iziganeko ezinjengezi zixhaphakile kwiindawo ngeendawo zeli ngokutsho kweChild Line neChild Protection Unit. Le mibutho ithi inani labantwana abadlwengulwayo nabasetyenziswa kakubi ngesondo lixhomisa amehlo. Eyona nto ibuhlungu ngokutsho kwale mibutho kukuba amaxhoba aya esiba mancinane ngokuba mancinane. Elona xhoba lincinane kwiPretoria Rape Crisis lalineeveki ezintathu kuphela!
USajini uXaba wePort Shepstone Child Protection Unit uthe: Eli candelo lamapoiisa lijamelene neengxaki ezininzi. Abazali abawaxeleli amapolisa ngokudlwengulwa kwabantwana, ingakumbi xa kusenziwa sisizalwane. Enye into, abazali banomkhwa wokwamkela intlawulo yenkomo enye ngokudlwengulwa komntwana, baze emva koko bangasebenzisani namapolisa, okanye balirhoxise ityala.
Sibuze ugqirha wezifo zamabhinqa nowengqondo abanyanga abantwana abasetyenziswe kakubi ngesondo ukuba ngabangakanani umonakalo owenzeka kumalungu okuzala nasengqondweni, ingakumbi ebantwaneni abadlwengulwa beselula. Ugqirha wezifo zamabhinqa uthe:
Zininzi iingxaki ezibangelwa kukudlwengulwa komntwana yaye ziyashiyana. Kuxhomekeka ekubeni umntwana wenzakele kangakanani na. Ngokomzekelo, usana oluneeveki ezintathu kwanyanzeleka ukuba lukhutshwe isibeleko.
Maxa wambi umntwana
ukrazukelwa lilungu lobuntombi,
akruzuke kumaiungu angaphakathi anjengesinyi, udakada nesibindi, kanti kudla ngokwenzeka umntwana enzakale emlonyeni nasemqaleni. Umritwana odlwenguliweyo uba nesifo esisuleia imibhobho yomchamo, kanti unokususelwa nazizifo eziyingozi ezisulelwa ngesondo okanye iAIDS.
Ngokutsho kogqirha wengqondo, Kubakho iingxaki zexesha elifutshane nelide. Abantwana abaninzi baziva benetyala. Noxa bengayiqondi intsingiseio yesondo njengomntu omdaia, kodwa bayazi ikho into embi ebahleleyo.
Oku kusenokuba yintlungu yexesha elide xa ingachotshelwanga ngokufanelekileyo, phofu oko kuxhomekeka ebazalini nasebantwini abakunye nomntwana. lziphumo zisenokuxhomekeka ekomeleleni komntwana, amandla akhe okumelana neengxaki nokubakho kwezinto zokumxhasa.
Amaxesha amaninzi sifumana ukuba umntwana uqala ukuqonda into eyenzeka kuye akungena ebudaleni, kulapho aqalisa khona ukuba neengxaki. Sidla ngokubona amabhinqa angalinganiyo - nkqu nasemadala asenentlungu yokudlwengulwa kwawo esemancinane, ingakumbi xa ingazange isingathwe ngobuchule kwasekuqaleni ingxaki yawo.
lingxaki zexesha elifutshane eziquka ukungakwazi ukutya nokulala kakuhle, ukungakwazi ukuziphatha kakuhle ukungakwazi ukumilisela ingqondo, ukuchama xa ulele nokothuka ebusuku zezona ziqhelekileyo.
Enye kwiindlela esibonwa ukuziphatha kwaso isizwe yindlela esibakhathalela ngayo abantwana. Ngabantu abanjani ke aba batshabalalisa ubomi babantwana, kwaye ngaba kukho buncwane babuvayo xa bedlwengula iintsana.
lngcali yolwaphulo-mthetho ethethe neBona ithe:
Abantu
abadlwengula abantwana abakwenziswa sisizathu esinye oko. Amadoda adlwengula abantwana abancinane asenokuba kubhidene iikomityi engqondweni okanye aneengxaki ezinkulu empilweni yabo.
Bukho ubumnandi abuvayo kuba uyazaliseka umnqweno wawo wokwenza into eyithandayo emntwini, okanye owokubonisa amandla, okanye owokuziva amkelekile. Akuyiphelisi okanye kuyanelise inkanuko yesondo
-	koko kufezekisa ezinye izinto. Ezinye iingxaki eziba negalelo
kukungaphangeli. Maninzi amadoda angasebenziyo ahlala ekhaya engazi ukuba makenze ntoni, aze achithe ixesha ngokwenza eli nyala!
Ezona zidlwengu zabantwana ziyingozi zezinganeliswa kukudlwengula nje kuphela, koko zonwatyiswa kukumbuiala umntwana ezimdlwenguleyo, nokuba eyinkwenkwe na okanye intombazana. lnkanuko yesondo kolu hlobo lwesidlwengu iba mandla xa sibona igazi okanye simvisa iintlungu lowo simdlwengulayo.
USajini uXaba ubongoza abazali ukuba balumke. Xa umntwana wakho edlwenguliwe okanye esetyenziswa kakubi ngesondo, nceda uqhagamsheiane namapolisa
eChild Protection Unit, iChild Line okanye amapolisa akufutshane nawe ngokukhawuleza.

Ungamhlambi umntwana okanye umcoce, ungayitshintshi nempahla ayinxibileyo oko kunokutshabalalisa ubungqina. 















Naba Abafike Kumanqam


e-1995 SOUL CITY/BONA/BP HEALTH CARE WORKER!







Sekuqalise ukuhluzela amanqam okhuphiswano lweSoul City/Bona/BP Health Care Worker Of The Year

Abantu abali-11 abakhethwe kumakhulu-khulu aye atyunjwa kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo, baza kungenela iisemi-fayinali zolu khuphiswano. Ngemva kodliwanondlebe nabagwebi bolu khuphiswano, abathandathu kwaba abakhethwe kwiinqila baya kuya kumanqam.
Abanye kwaba bali-11 asinakubabiza ngokuthi ngoonompilo kodwa ukufak igxalaba kwabo kuluntu kuye kwaxabiseka kwimpilo yoluntu njengoogqirha okanye abongikazi. lSoul City inenkolo yokuba abantu abaqhelekileyo kuiuntu banako kwaye banokwenza igaleio elibalulekileyo empilweni yabo. Aba bafikelele kumanqam bazimiseie ukusebenza ndawonye ukuphucula umgangatho wobomi babo.
Nakuba kuliwonga elikhulu ukuba yiSoul City/BP/Bona Health Care Worker of The Year yokuqala eMzantsi-Afrika, okukhetheke ngokukodwa ngolu khuphiswano kukuba ophumeleleyo asikuba nje ufumana ibhaso eliyimali le-R1 0,000 kodwa ukwazuza nebhaso loNonophelo Lokuqala Lwempilo lwama-R25 000. Le mali yeyephulo loluntu nelikhethwe ngulowo ophumeleleyo. Khawufan ucinge...ukuba ophumeleleyo uhlala kwingingqi yenu, kusenokwenzeka ubone kusakhiwa ikhretshi kwingingqi okuyo. Okanye ubone kusakhiwa iklinikhi.
Baza kuzuza amabhaso nabanye abahlanu abafikelele kumanqam. Baya kuzuza i-R2 000 emnye baze abathandathu ngamnye kubo afumane iattache case yesikhumba. Akukho nanye kwezi zinto ebinokwenzeka ukuba iphulo leSoul City betingaxhaswa ngabaxhasa ukhuphiswano. Umxhasi ophambili ngabakwaBP, banikele nge-R2,5 yezigidi bezibandakanya kwiRDP nasekwakhiweni ngokutsha koMzantsiAfrika ngamaphulo anjengeli. Kumel ukuba ngoku unomdla wokwazi ukuba ngoobani kanye abali-11
uyambona umntu okweli khasi? Ewe,nguNonceba umdlali wodumo kwisoul city.bukwla kwakhona isoul city 2 kumabona kude wakho ngoJulayi.
abafikelele kwiisemi-fayinali. Makhe sibabone sibeve bethetha ngamacebo abo ukuze bazuze ibhaso lokuqala eliyi-R25 000 leli phulo.

UMercia Arendse Umsebenzi Kwiphulo Lempilo Yoluntu, eMamre, eNtshona-Koloni.
Ungumququzeleli obalaseleyo, ubuchule bukaMercia ekuququzeleleni buzizixhobo zakhe ekuphuculeni uiuntu. UMercia utyelela amakhaya, abe
neendibano zokukhathalela impilo ekushikixwa imiba enjengokusebenzisa utywala neziyobisi kuzo. Ukwaqeqeshe oonompilo abaninzi ukuba benze lo msebenzi. lmali yephulo uya kuyisebenzise ekuthengeni oomatshini nezixhobo zeziko lempilo. Unomdla kwaye unobubele, abantu baseMamre baziva bonwabile xa bekunye neli nenekazi.

U-Elizabeth Khoele, Umsebenzi Olivolontiya, eKroonstad, eFreyistat Abantwana bakaElizabeth abacholweyo babengenamakhaya koko behlala kwiindawo ekulahlwa kuyo inkunkuma, ezitratweni nakwiindlela ezimxinwa phakathi kwezakhiwo. Aba bantwana balambileyo nabangenamakhaya bebesoloko bexhomekeke kuElizabeth noluntu: ukuze bahlambe, batye, banxityiswe nokuze kufundiswe aba bantwana ababefuduia bephila ngokutya okuseleyo. Ngaba yintoni umnqweno wakhe? Kukuba aba bantwana baphile babe ngamalungu anemveliso kuluntu. Ngoxa ngoku esanxunguphaliswe kukufumana indawo yokuhlala esisigxina yabantwana imali eiibhaso akasoze ayisebenzise de abe ubonene nekomiti asebenza nayo.

UMpho Lekhonthula, Umsebenzi Olivolontiya, eSebokeng, oGauteng Le Ngelosi Yethemba njengoko ebizwa njalo esebokeng iye yazinikela ekukhathaleleni abantu abaneAlDS kwananeHlV. Nakuba ubomi bakhe bonke bunikezelwe koku, uvelwano analo Iukhuiu kangangokuba akukho angayihoyiyo eyimfuneko. Usebenzela uThixo, akafuni mali, ngenxa yoku, kukho amaphulo amaninzi awakhathalelayo. Maninzi, uyazi, kangangokuba ndinqwenela ukwakha indawo enkulu ukuze iwaginye onke. Ukuba kungenzeka uMpho aphumelela lo mnqweno uza kuzaliseka.

UTebogo Matoane, uMgcini weThala leeNcwadi, eLebowa-Kgomo. kwiPhondo eliseMntla.
lthala leencwadi alisekileyo uTebogo alincedi abafundi kuphela ngokuba baboleke iincwadi, koko uchazela






nabantwana abaselula ngobomi nempilo. Ukuba kunokwenzeka aphumelele, uya kongeza icandeio lempilo kwithala lakhe Ieencwadi, alibangele eli thala leencwadi libe yindawo apho abantwana abanokuyisebenzisa. UTebogo unamabanga afundisa ngempilo nococeko alungiselelwe wonke umntu yaye ushikixa imibandela enento yokwenza nelo qela. Abaphile qete banokuya nakwicandelo lokuthamba. Abantu baseChuenespoort bayamxhasa umntu abamkhethileyo bekhuthazwa ngumdla anawo nayindlela yakhe yokuyila.

UMpho Maunye, iTitshala yeqela Iasewits University Leenkonzo Zempilo eAcornhoek, eMpumalanga.
UMpho ungumnxulumanisi wabantu ngokuzalwa, uluntu lwedolophu esemaphandieni yaseBushbucksridge lujonga kuye ukuze lube nolwazi ngononopheio lwempilo. lkakhulu ubafundisa ngesondo -ngokomzekelo, ukumitha kolutsha, izithinteli-kumitha, ukuzikhusela kwiAlDS, ukuphathwa kakubi kwabantwana njalo-njalo, amazwi akhe atikeleia iintiiziyo kuze ngolu hlobo kubetheleleke ezingqondweni zakhe nabani na ukusuka kwipolisa ukusa kumntwana. Xa enokuphumelela, uya kubuza kuluntu ukuba lufuna ibhaso lephulo lisetyenziswe njani.

UBrenda Mgiba, Umsebenzi wokuhlaziywa koluntu eTintswalo Hospital eAcornhoek, eMpumalanga
Kuyacaca ukuba uBrenda uyakuthanda ukusebenza nabantu abagogekileyo neentsapho zabo. Ukususela ebantwaneni ukusa kwabolupheleyo, abagogekileyo banokufumana ukutya nendawo yokuhlala, uqeqesho nenkathalo kuze phezu kwako konke kube ngenxa yothando lweli nenekazi lizinikeleyo. Xa bengathathwa abantu bakhe esibhedlele uya emizini yabo. Kanti basenokuba nento yesithathu abakhetha kuyo: iziko IikaBrenda, aza kulakha ngemali elibhaso.


UMasephoko (Shadrack) Molokoane Umsebenzi Olivolontiya, eMathabatha, kwiPhondo eliseMntla UShadrack uyakwazi ukwakha ubuhlobo, yaye ukuba ngumlungelelanisi phakathi korhulumente noluntu kwenza ukuba abantu abanempilo ehiaselwe yiasbestos bafumane imali yembuyekezo. Akanaloyiko hvakusingatha nkqu neyona miba icekeceke, uShadrack uye wasebenza engatyhafi ukuze aphucule ulwazi nempilo yoluntu kwingingqi akuyo.
UGqr. Zolela Ngcwabe Ugqirha, eTsakane eGauteng Lo gqirha wakwaThema uye wathandwa ngabantu baseTsakane eminyakeni eli-1 0 edlulileyo. Ngoku banethemba Iokuba uza kufizuza eli bhaso ngenxa yokusebenzela kwakhe uluntu engazingci. Usebenze nolutsha kumaphulo amaninzi, maphulo lawo aye alugcina Iungayabuli ezitratweni. Ukwanikele iinkonzo zamayeza ngesisa kwabo balupheleyo. Ukhuthele ekusebenzeni noluntu ukanti ungusihlalo kwiTsakane Health Care Forum. lbhaso eliyimali likaZolela liya kukwazi ukwakha iziko lokuhlaziya abantwana abaphethwe kakubi.
UTheresa Tshabalala UkwiSebe Lempilo eLadysmith, KwaZulu-Natal UTheresa uyahlonelwa luluntu kuba uzibandakanye kanobomi kwiintlobo ngeentlobo zamaphulo. Ungumphathi weeklinikhi, uchitha lonko ixesha lakhe Iokuphumla kumaphulo anjengezitiya zoluntu, iiklabhu zokuthunga nokuziswa kwamanzi kule ngingqi. Unceda abantu ngeendlela ezininzi kunokwenzeka, kanti unomonde kwaye uyaqonda. lsiphiwo anaso kukushenxisa imithetho ethintelayo ukuze abantu baphumeze abafuna ukukwenza. Ukuba uphumelele, Ndiza kuyisebenzisa imali elibhaso kwiziko Iempilo yoluntu ukanti ndiza kwakha nekhretshi, utshilo.

UPamela Tshwete Umsunguli weziko lokukhathalelwa lwempilo yoluntu nomncedi woluntu eQonce kwiMpuma-Koloni UPamela obefudula engumongikazi uphucule ubomi babo babefudula behlaia ezifama baza bazifumana bengenandawo, bengaphangeli. Kodwa akazange aphelelwe lithemba...Ngenxa yobuchule bukaPamela uluntu lwasekie Road Iuye lwaqeqesha abemi ngononophelo Iokuqaia lwempilo baze nabo babuye bafundise abanye. Amaziko ononophelo aphethwe ngonesiphiwo kweli. Xa kwenzeka uPamela azuze i-R25 000 uya kuxoxa noluntu babone ukuba le mali inokusetyenziswa njani ngobulumko.


UKoba van Wyk Umsebenzi woluntu kWaSANTA, eLadybrand, eFreyistata UKoba uphethe iphulo Lokuchola Umguli linabasebenzi abangamavolontiya abangama-98 nabakhathalela abanesifo sephepha neentsapho zabo, ekwabanika imiyalelo enento yokwenza nesifo sephepha. Xa engaphangeli usebenza ekuphucuieni imeko yabantwana basezitratweni ekwancedisa ekukhathalelweni kwabantu abalupheleyo kuluntu. lxesha lakhe ulisebenzisa ngokufanelekileyo, imini ibe nenjongo kwanobomi bubang umdla, utshilo othethelele uluntu. Xa kwenzeka aphumelele, uya kwakha iziko lokukhathaiela impilo nelenkcazelo kuluntu.

Kushicilelo lweBona elandelayo, uza kubona iifoto zabathandathu abafikelele kumanqam ufunde lukhulu ngesoul City 2 - ziziqendu ezili-13 ezinomdla neziya kukhutshwa kumabonakude ukususela ngojulayi. IBona kajuni iza kukhupha amanqam eSoul City/BP/Bona Health Care Worker of the Year Award nodliwano-ndlebe naiowo ophumeieleyo.



62 BONA XHOSA - May 1996

		BONA XHOSA - May 1996 63

64 BONA XHOSA - May 1 996

		BONA XHOSA - May 1996 65

